Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 14:12-26 Ibhayibhile (XHO96)

12. UYesu ke wabhekisa kulowo wayemmemile, wathi: “Xa ubizela abantu esidlweni, uze ungamemi zihlobo zakho, nabantakwenu, nazizalwane zakho, nabamelwane bakho abazizityebi, hleze nabo baphinde bakumeme, kuze oko kube yimbuyekezo kuwe.

13. Yithi xa wena unesidlo, umeme amahlwempu, iziqhwala, izilima, neemfama.

14. Wosikeleleka ke, kuba àbanako ukuphinda bakumeme bona – wena wobuyekezwa ekuvukeni kwamalungisa.”

15. Ke kaloku, akuziva ezo zinto omnye kwabo babesemsithweni kunye noYesu, wathi kuye: “Unoyolo lowo uxhamla ubuncwane esidlweni solawulo lukaThixo.”

16. Waza ke yena wathi kuye: “Umntu othile wênza isidlo esikhulu, wamema abantu abaninzi.

17. Ngexesha lesidlo uthume isicaka sakhe ukuba siye kuxelela abamenyiweyo ukuba beze, kuba konke kwakusekulungisiwe.

18. Baza ke bonke ngabanye bazilandula, owokuqala esithi kuye: ‘Ndithenge intsimi. Kufuneka ndiphume ndiye kuyibona. Ndiyakucela, ndixolele; andiphumeleli.’

19. Omnye wathi: ‘Ndithenge iinkabi ezilishumi. Ndisaya kuziva. Ndiyakucela, ndixolele; andiphumeleli.’

20. Nomnye wathi: ‘Ndisand' ukutshata. Ngenxa yoko andinakuza.’

21. Ke isicaka eso sibuyele enkosini yaso, sayixelela ezo zinto. Waza waqumba umnini-ndlu, wathi kwisicaka sakhe: ‘Khawuleza uye ezitalatweni nasezirhangeni zedolophu, uqokelele amahlwempu nezilima neemfama neziqhwala.’

22. Saza isicaka sathi: ‘Nkosi, kwenzeké njengoko uyalele, kanti indawo isekho.’

23. Yathi inkosi kwisicaka eso: ‘Phuma uye ezindleleni, nasezindledlaneni, ubanyanzele bangene, ukuze indlu yam izale.

24. Inene, akukho namnye kuloo madoda abemenyiwe iya kusiva isidlo sam.’ ”

25. Kwakukho isihlwele sihamba noYesu, waza wajika wathi kuso:

26. “Ukuba ubani uza kum, angancami uyise, nonina, nomfazi, nabantwana, nabantakwabo, noodade wabo, ewe, kwanobakhe ubomi obu, akanakuba ngumfundi wam.

funda isahluko epheleleyo Uluka 14