Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 13:8-20 Ibhayibhile (XHO96)

8. Waphendula yena wathi kuye: ‘Nkosi, khawuwuyeke nakulo mnyaka, ndikhe ndimbe ndiwujikeleze, ndigalele umgquba.

9. Ukuba ke uthe wavelisa isiqhamo, woseluwuyeka; kodwa ukuba akubanga njalo, wogawulwa.’ ”

10. Ke kaloku ngomnye *uMhla woPhumlo uYesu wayefundisa *ndlwini yesikhungo ithile.

11. Apho kwakukho umfazi owayenendimoni eyamgulisa iminyaka elishumi elinesibhozo. Wayegobile, engenako mpela ukuma nkqo.

12. Akuba uYesu embonile, wambiza, wathi kuye: “Mfazi, ukhululekile ebulwelweni bakho.”

13. Wambeka izandla, waza ke lo mfazi wema nkqo kwangoko, wabulela uThixo.

14. Ke lona igosa lendlu yesikhungo, licaphukile kuba uYesu ephilise ngoMhla wokuPhumla, lathi kwisihlwele: “Mithandathu imihla ekufanele ukusetyenzwa ngayo. Yizani ngayo niphiliswe, kungabi ngawo uMhla wokuPhumla.”

15. Yaphendula ke iNkosi, yathi: “Mamenemenendini, ngubani na kuni ongayikhululiyo ngoMhla woPhumlo emkhumbini wesitali inkomo yakhe, okanye idonki yakhe, ayirhole esiya kuyiseza?

16. Lo ke, eyintombi ka-Abraham nje, owayebotshiwe le minyaka ilishumi elinesibhozo nguSathana, ubengamelwe kukukhululwa na kulo mabophe ngoMhla woPhumlo?”

17. Akuba etshilo, basuka badana bonke ababechasene naye. Ke sona isihlwele sasivuya ngenxa yazo zonke izinto ezintle awayezenza.

18. Ke uYesu wathi: “Lufana nantoni na ulawulo lukaThixo? Ndingaluzekelisa ngamzekeliso mni na?

19. Lufana nokhozo lwembewu yemostade, awaluthathayo umntu, waluhlwayela esitiyeni sakhe, lwaza lwakhula lwaba ngumthi, zathi iintaka zakha iindlwane zazo emasebeni awo.”

20. UYesu waphinda wathi: “Ndingaluzekelisa ngamzekeliso mni na ulawulo lukaThixo?

funda isahluko epheleleyo Uluka 13