Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 13:5-15 Ibhayibhile (XHO96)

5. Nakanye! Inene, nani ukuba anithanga niguquke notshabalala kwangokunjalo nonke.”

6. UYesu ke wabenzela lo mzekeliso: “Ubani wayenomkhiwane utyalwe esidiliyeni sakhe, weza efuna isiqhamo kuwo, waza akafumana nto.

7. Wathi ke kosebenza esidiliyeni: ‘Uyabona, ndiminyaka mithathu ndisiza ndifuna isiqhamo kulo mkhiwane, ndingafumani nto. Wugawule! Yini na ukuba ude uphuthise nomhlaba lo?’

8. Waphendula yena wathi kuye: ‘Nkosi, khawuwuyeke nakulo mnyaka, ndikhe ndimbe ndiwujikeleze, ndigalele umgquba.

9. Ukuba ke uthe wavelisa isiqhamo, woseluwuyeka; kodwa ukuba akubanga njalo, wogawulwa.’ ”

10. Ke kaloku ngomnye *uMhla woPhumlo uYesu wayefundisa *ndlwini yesikhungo ithile.

11. Apho kwakukho umfazi owayenendimoni eyamgulisa iminyaka elishumi elinesibhozo. Wayegobile, engenako mpela ukuma nkqo.

12. Akuba uYesu embonile, wambiza, wathi kuye: “Mfazi, ukhululekile ebulwelweni bakho.”

13. Wambeka izandla, waza ke lo mfazi wema nkqo kwangoko, wabulela uThixo.

14. Ke lona igosa lendlu yesikhungo, licaphukile kuba uYesu ephilise ngoMhla wokuPhumla, lathi kwisihlwele: “Mithandathu imihla ekufanele ukusetyenzwa ngayo. Yizani ngayo niphiliswe, kungabi ngawo uMhla wokuPhumla.”

15. Yaphendula ke iNkosi, yathi: “Mamenemenendini, ngubani na kuni ongayikhululiyo ngoMhla woPhumlo emkhumbini wesitali inkomo yakhe, okanye idonki yakhe, ayirhole esiya kuyiseza?

funda isahluko epheleleyo Uluka 13