Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 13:33-35 Ibhayibhile (XHO96)

33. Kodwa ndimelwe kukuthi ndihambe namhlanje nangomso nangomsomnye, kuba umshumayeli akangekhe abulawe kwenye indawo ngaphandle kwaseJerusalem.

34. “Jerusalem, Jerusalem, wena ubabulalayo abashumayeli, ubakhande ngamatye abo bathunywa kuwe nguThixo! Kunini na ndifuna ukubawola abantu bakho ngokwesikhukukazi esigquma amantshontsho aso ngamaphiko, waza wena awavuma.

35. Niyabona, uThixo uyanifulathela nomzi wenu. Inene, aniyi kuba sandibona de kufike ixesha eniya kuthi: ‘Makabongwe lowo uzayo egameni leNkosi.’”

funda isahluko epheleleyo Uluka 13