Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 13:25-28 Ibhayibhile (XHO96)

25. “Xa selethe waphakama umninindlu, wavala emnyango, nothi nina, nime ngaphandle, ninkqonkqoze emnyango, nisithi: ‘Nkosi, sivulele.’ Wophendula ke umninindlu, athi kuni: ‘Andinazi apho nivela khona.’

26. Ke ngoko nina nothi: ‘Kaloku sikhe satya, sasela, ukho nawe; nawe wafundisa ezitalatweni zethu.’

27. Kodwa yena wothi: ‘Inene, andinazi apho nivela khona. Mkani kum, nina nonke benzi bobubi.’

28. Khona apho niya kulila ningcungcutheke, xa nibona uAbraham noIsake noYakobi nabo bonke abashumayeli bamandulo bexhamla ubuncwane bokulawulwa nguThixo, nibe nina nikhutshelwe ngaphandle.

funda isahluko epheleleyo Uluka 13