Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 13:21-32 Ibhayibhile (XHO96)

21. Lufana negwele, awalithathayo umfazi, walixovulela kumgubo ozizitya ezithathu, laza layinyusa yonke intlama.”

22. UYesu wacanda kwiidolophu needolophana, ehamba efundisa, esinga eJerusalem.

23. Umntu othile wathi kuye: “Nkosi, bambalwa na abo basindiswayo?”UYesu ke wathi kubo:

24. “Zamani ukungena ngesango elimxinwa. Ndithi kuni, baninzi abaya kufuna ukungena, bangabi nako.

25. “Xa selethe waphakama umninindlu, wavala emnyango, nothi nina, nime ngaphandle, ninkqonkqoze emnyango, nisithi: ‘Nkosi, sivulele.’ Wophendula ke umninindlu, athi kuni: ‘Andinazi apho nivela khona.’

26. Ke ngoko nina nothi: ‘Kaloku sikhe satya, sasela, ukho nawe; nawe wafundisa ezitalatweni zethu.’

27. Kodwa yena wothi: ‘Inene, andinazi apho nivela khona. Mkani kum, nina nonke benzi bobubi.’

28. Khona apho niya kulila ningcungcutheke, xa nibona uAbraham noIsake noYakobi nabo bonke abashumayeli bamandulo bexhamla ubuncwane bokulawulwa nguThixo, nibe nina nikhutshelwe ngaphandle.

29. Abantu bofika bevela empumalanga nasentshonalanga, bevela ngasentla nangasezantsi, babuxhamle ubuncwane bokulawulwa nguThixo.

30. Niyabona ke, bakho abokugqibela abaya kuba ngabokuqala, bekho nabokuqala abaya kuba ngabokugqibela.”

31. Kwangelo xesha kwafika abaFarasi abathile, bathi kuYesu: “Phuma umke apha, kuba uHerode ufuna ukukubulala.”

32. Wathi kubo: “Yiyani nithi kuloo mpungutye: ‘Uyabona, ndikhupha iindimoni, ndiphilise, namhlanje nangomso, ndithi ngowesithathu umhla ndigqibe.’

funda isahluko epheleleyo Uluka 13