Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 13:2-19 Ibhayibhile (XHO96)

2. Waphendula uYesu wathi kubo: “Niba loo maGalili ebengabôni ngaphezulu kwawo onke amanye amaGalili, kuba evé ubunzima obunjalo?

3. Nakanye! Inene, nani ukuba anithanga niguquke, notshabalala kwangokunjalo nonke.

4. Khanitsho ke, bona abo balishumi elinesibhozo abawelwa yinqaba eSilowa bafa, niba babenetyala ngaphezu kwabo bonke abantu baseJerusalem?

5. Nakanye! Inene, nani ukuba anithanga niguquke notshabalala kwangokunjalo nonke.”

6. UYesu ke wabenzela lo mzekeliso: “Ubani wayenomkhiwane utyalwe esidiliyeni sakhe, weza efuna isiqhamo kuwo, waza akafumana nto.

7. Wathi ke kosebenza esidiliyeni: ‘Uyabona, ndiminyaka mithathu ndisiza ndifuna isiqhamo kulo mkhiwane, ndingafumani nto. Wugawule! Yini na ukuba ude uphuthise nomhlaba lo?’

8. Waphendula yena wathi kuye: ‘Nkosi, khawuwuyeke nakulo mnyaka, ndikhe ndimbe ndiwujikeleze, ndigalele umgquba.

9. Ukuba ke uthe wavelisa isiqhamo, woseluwuyeka; kodwa ukuba akubanga njalo, wogawulwa.’ ”

10. Ke kaloku ngomnye *uMhla woPhumlo uYesu wayefundisa *ndlwini yesikhungo ithile.

11. Apho kwakukho umfazi owayenendimoni eyamgulisa iminyaka elishumi elinesibhozo. Wayegobile, engenako mpela ukuma nkqo.

12. Akuba uYesu embonile, wambiza, wathi kuye: “Mfazi, ukhululekile ebulwelweni bakho.”

13. Wambeka izandla, waza ke lo mfazi wema nkqo kwangoko, wabulela uThixo.

14. Ke lona igosa lendlu yesikhungo, licaphukile kuba uYesu ephilise ngoMhla wokuPhumla, lathi kwisihlwele: “Mithandathu imihla ekufanele ukusetyenzwa ngayo. Yizani ngayo niphiliswe, kungabi ngawo uMhla wokuPhumla.”

15. Yaphendula ke iNkosi, yathi: “Mamenemenendini, ngubani na kuni ongayikhululiyo ngoMhla woPhumlo emkhumbini wesitali inkomo yakhe, okanye idonki yakhe, ayirhole esiya kuyiseza?

16. Lo ke, eyintombi ka-Abraham nje, owayebotshiwe le minyaka ilishumi elinesibhozo nguSathana, ubengamelwe kukukhululwa na kulo mabophe ngoMhla woPhumlo?”

17. Akuba etshilo, basuka badana bonke ababechasene naye. Ke sona isihlwele sasivuya ngenxa yazo zonke izinto ezintle awayezenza.

18. Ke uYesu wathi: “Lufana nantoni na ulawulo lukaThixo? Ndingaluzekelisa ngamzekeliso mni na?

19. Lufana nokhozo lwembewu yemostade, awaluthathayo umntu, waluhlwayela esitiyeni sakhe, lwaza lwakhula lwaba ngumthi, zathi iintaka zakha iindlwane zazo emasebeni awo.”

funda isahluko epheleleyo Uluka 13