10. Ke kaloku ngomnye *uMhla woPhumlo uYesu wayefundisa *ndlwini yesikhungo ithile.
11. Apho kwakukho umfazi owayenendimoni eyamgulisa iminyaka elishumi elinesibhozo. Wayegobile, engenako mpela ukuma nkqo.
12. Akuba uYesu embonile, wambiza, wathi kuye: “Mfazi, ukhululekile ebulwelweni bakho.”
13. Wambeka izandla, waza ke lo mfazi wema nkqo kwangoko, wabulela uThixo.
14. Ke lona igosa lendlu yesikhungo, licaphukile kuba uYesu ephilise ngoMhla wokuPhumla, lathi kwisihlwele: “Mithandathu imihla ekufanele ukusetyenzwa ngayo. Yizani ngayo niphiliswe, kungabi ngawo uMhla wokuPhumla.”
15. Yaphendula ke iNkosi, yathi: “Mamenemenendini, ngubani na kuni ongayikhululiyo ngoMhla woPhumlo emkhumbini wesitali inkomo yakhe, okanye idonki yakhe, ayirhole esiya kuyiseza?
16. Lo ke, eyintombi ka-Abraham nje, owayebotshiwe le minyaka ilishumi elinesibhozo nguSathana, ubengamelwe kukukhululwa na kulo mabophe ngoMhla woPhumlo?”