Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 12:53-59 Ibhayibhile (XHO96)

53. ibe yiyantlukwano phakathi koyise nonyana, unyana noyise; unina nentombi, intombi nonina; uninazala nomolokazana, umolokazana no ninazala.”

54. UYesu wathi kwisihlwele: “Xa nithe nabona ilifu livela entshonalanga nikhawuleza nithi: ‘Iza kuna;’ kuze kube njalo.

55. Naxa kukho umoya ovela entlango, nithi: ‘Kuya kuba shushu;’ kuze kube njalo.

56. Mamenemenendini, niyakwazi ukuyiqonda imo yezulu. Kungani na ke ukuba ningayicaluli yona le mihla?”

57. “Kungani na ukuba nina ngokwenu ningenzi sigqibo ngoko kulungileyo?

58. Xa usiya enkundleni unommangaleli wakho, yithi kwalapho endleleni uzame ukulungisana naye, hleze akurhuqele enkundleni, aze umgwebi akunikele kumsila, yena akuphose entolongweni.

59. Inene, akusayi kuphuma apho de uhlawule neyona malana yokugqibela.”

funda isahluko epheleleyo Uluka 12