Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 12:45-56 Ibhayibhile (XHO96)

45. Kodwa ukuba eso sicaka sisuke sacinga sathi: ‘Inkosi yam ilibele;’ size ke sisuke sizibethe ezinye izicaka nezicakakazi, sidle, sisele, sinxile;

46. yofika inkosi yeso sicaka ngemini esingayilindelanga, nangelixa esingalaziyo, ize isixabele isinqumle kubini njengoko kusenziwa kwabangathembekanga.

47. “Isicaka esikwaziyo oko kufunwa yinkosi yaso, sisuke singakukhathaleli, singakwenzi, siya kubethwa imivumbo emininzi.

48. Ke isicaka esingaqondiyo sisuke senze okufanelwe yimivumbo, siya kubethwa ibe mbalwa. Kubo bonke abanikwe okuninzi, kuya kufunwa okuninzi; nakulowo unikwe ngokungaphezulu, kuya kubizwa ngokungaphezulu.”

49. “Ndizise umlilo ehlabathini; hayi ukunqwenela kwam ukunga ungewusewuvutha!

50. Kukho lubhaptizo ndifanele ukubhaptizwa ngalo; ke ndisezimbandezelweni ezinkulu lude lufezeke!

51. Niba ndizise uxolo na ehlabathini? Ndithi kuni, hayi, ndizise imbambano!

52. Kuya kuthi, ukususela ngoku, kubekho abahlanu ndlwini-nye bengavani; abathathu bengavani nababini, nababini bengavani nabathathu;

53. ibe yiyantlukwano phakathi koyise nonyana, unyana noyise; unina nentombi, intombi nonina; uninazala nomolokazana, umolokazana no ninazala.”

54. UYesu wathi kwisihlwele: “Xa nithe nabona ilifu livela entshonalanga nikhawuleza nithi: ‘Iza kuna;’ kuze kube njalo.

55. Naxa kukho umoya ovela entlango, nithi: ‘Kuya kuba shushu;’ kuze kube njalo.

56. Mamenemenendini, niyakwazi ukuyiqonda imo yezulu. Kungani na ke ukuba ningayicaluli yona le mihla?”

funda isahluko epheleleyo Uluka 12