Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 1:72-80 Ibhayibhile (XHO96)

72. isithi yobenzela inceba oobawo bethu,iwukhumbule umnqophiso wayo ongcwele,

73. isifungo eyasenzela uAbraham ubawo wethu,

74. sokusihlangula ezintshabeni zethu, siyikhonze singenaxhala,

75. ngobungcwele nangobulungisa phambi kwayo,yonke imihla yobomi bethu.

76. Nawe ke, mntwana wam, wobizwa ngokuba *ungumshumayeli kaThixo uPhezukonke,kuba uya kuyibhulela umbethe iNkosi,uyigabulele izigcawu.

77. Wobazisa abantu beNkosi ngosindisoolungoxolelo lwezono zabo,

78. kuba unenceba nemfesane uThixo wethu.Ngoko wosivelisela olilanga lasezulwini,

79. ukuze akhanyisele abasebumnyameni nasethunzini lokufa,nokuze azikhokelele endleleni yoxolo iinyawo zethu.”

80. Wakhula umntwana, waya esomelela ngokomelela. Wayehlala entlango kwada kwayimini yokubonakala kwakhe kumaSirayeli.

funda isahluko epheleleyo Uluka 1