Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 1:41-55 Ibhayibhile (XHO96)

41. Kwathi akuwuva uElizabhete umbuliso kaMariya, lwasuka lwaxhuma usana esizalweni sakhe. Wafikelwa ke nguMoya oyiNgcwele uElizabhete,

42. wadanduluka ekhwaza esithi: “Ungoyena usikelelweyo wena phakathi kwabafazi! Nomntwana oya kuzalwa nguwe usikelelwe!

43. Bendiyintoni na kakade, ukuba ndide ndihanjelwe ngunina weNkosi yam?

44. Yaz' ukuba, kuthe ndakuwuva umbuliso wakho, lwasuka usana lwaxhuma luvuyo esiswini sam.

45. Unoyolo lowo ukholiweyo, kuba ilizwi elithunyelwe kuye yiNkosi liya kuzaliseka.”

46. Wavakala uMariya esithi:“Umphefumlo wam uyayibonga iNkosi;

47. ndaye ndigcobile ngoThixo uMsindisi wam;

48. kuba wakuphawula ukuthobeka kwesicakazana sakhe.Ewe, ukususela ngoku zonke izizukulwana zothi ndingonoyolo,

49. kuba undenzele izinto ezinkulu uSomandla,yena ogama lakhe lingcwele,

50. yena onceba yakhe ikwizizukulwana ngezizukulwana zâbo bamoyikayo.

51. Wolule ingalo yakhe enamandla,wabachitha-chitha abanekratshi ekuzicingeleni kwabo.

52. Iinganga wazithoba kumawonga azo,waza abathobekileyo wabaphakamisa.

53. Wahluthisa abalambileyo ngezinto ezilungileyo,wathi abazizityebi wabandulula belambatha.

54. Wamxhasa uSirayeli umkhonzi wakhe,akayilibala inceba yakhe

55. awayethembise ngayo koobawo bethu,kuAbraham nakwinzala yakhe ngonaphakade.”

funda isahluko epheleleyo Uluka 1