Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 1:1-11 Ibhayibhile (XHO96)

1. Tiyofilo ohloniphekileyo: Ekubeni abaninzi bezame ukulibhala ibali lezo zinto zithe zenzeka phakathi kwethu,

2. bebalisa oko sikuxelelweyo ngâbo bathe kwasekuqalekeni bazibona ngawabo amehlo ezo zinto, baza baba ngabaququzeleli bezi ndaba,

3. nam, mhlekazi, ndibone kulungile ukuba ndibhale ndikucwangcisele ngokuthe ngqo, ekubeni sekulithuba elide nje ndiziphanda kakuhle ezi zinto.

4. Ndenjenje ukuze uyazi ngokuphelelyo inyaniso yezinto ozifundisiweyo.

5. Ngemihla kaHerode, ukumkani wakwaJuda, kwakukho umbingeleli othile, ogama linguZakariya, engoweqela lika-Abhiya. Umkakhe uElizabhete naye wayeyintombi yombingeleli.

6. Bobabini babengamalungisa, beyithobela imiyalelo nemimiselo yeNkosi, bengenakusoleka.

7. Babengenabantwana, kuba uElizabhete wayengazali; kananjalo bobabini babesebaluphele.

8. Ke kaloku uZakariya wayesemsebenzini wakhe wobubingeleli phambi koThixo, kulithuba leqela lakhe.

9. Kwênziwa *amaqashiso ngokwesiqhelo sababingeleli, laza iqashiso laphuma naye ukuba aqhumise ubulawu. Wangena ke endaweni engcwele yeNkosi,

10. kukho inkitha yabantu ithandaza ngaphandle ngexesha lesiqhumiso.

11. Kwabonakala isithunywa seNkosi kuye, simi ngasekunene kweqonga lesiqhumiso.

funda isahluko epheleleyo Uluka 1