Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabaseroma 9:24-33 Ibhayibhile (XHO96)

24. Síthí ke abo uThixo wababizayo, singemaJuda kuphela, sikwakunye nabezinye iintlanga ngokunjalo.

25. Uthetha kwaloo nto kwiNcwadi kaHosiya, xa athi:“Abangengobantu bam ndiya kuthi bangabantu bam;nohlanga ebendingaluthandi ndiya kuthi luyintanda kum.

26. Ewe, nakuloo ndawo kanye kwakusithiwa kubo:‘Aningobantu bam nina;’khona apho kanye kuya kuthiwa kubo:‘Ningoonyana bakaThixo ophilayo.’”

27. Ke noIsaya udanduluka athi malunga namaSirayeli: “Nangona inani loonyana bakaSirayeli lingangentlabathi yaselwandle, bambalwa kodwa kubo abaya kusindiswa,

28. kuba iNkosi iya kusiwisa kamsinya isigwebo sayo ehlabathini.”

29. Kukwanjengokuba uIsaya wayetshilo ngaphambili ukuthi:“Ukuba iNkosi uSomandla ibingasishiyelanga hlumela,ngesisuke saba njengeSodom, safana neGomora.”

30. Síthini ke ngoko? Síthi izizwe ezazingenzi migudu yakuba ngamalungisa kuThixo, zakufumana nazo ukuba ngamalungisa, zisenziwa amalungisa ngokholo.

31. Kodwa wona amaSirayeli, nangona ayesenza imigudu yokuba ngamalungisa ngokugcina umthetho, akaphumelelanga.

32. Ngani na? Ngenxa yokuba imigudu yawo ingasekelwanga lukholweni, kodwa isekelwe ekuzenzeleni ngokwawo. Akhubeka “elityeni elikhubekisayo,”

33. eli *iziBhalo zitshoyo ngalo ukuthi:“Uyabona, ndibeka *eZiyon ilitye elikhubekisayo,ulwalwa olusisikhubekiso;lowo ukholwayo kuye akayi kudaniswa.”

funda isahluko epheleleyo Kwabaseroma 9