Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabaseroma 8:6-17 Ibhayibhile (XHO96)

6. Ke ukunyamekela izinto zesimo esonakeleyo kusa ekufeni, kanti ke ukunyamekela ezoMoya kusa ebomini naseluxolweni.

7. Abo banyamekela izinto zesimo esonakeleyo baziintshaba zikaThixo, kuba kaloku abawuthobeli umthetho wakhe. Kakade abanako ukuyenza loo nto.

8. Ábenjenjalo ke àbanako ukumkholisa uThixo konke-konke.

9. Ke nina aningabo abaphila ngokwesimo esonakeleyo, ningabo bakhokelwa nguMoya, ukuba kambe uMoya kaThixo uhleli kuni. Ke umntu ongenaye uMoya kaKrestu akangokaKrestu.

10. Ukuba uKrestu ukho kuni, nangona umzimba ufile ngenxa yesono, uMoya yena uninika ubomi. Kaloku nenziwe amalungisa.

11. Ukuba ke uMoya kaThixo owamvusayo uYesu ekufeni ukho kuni, neyenu imizimba uThixo uya kuyinika ubomi ngoMoya wakhe okhoyo kuni.

12. Ngoko ke, mawethu, masingakholisi isimo sethu esonakeleyo.

13. Kuba xa niphila ngokweso simo, niya ekufeni; kodwa ukuba niyazitshitshisa ngamandla oMoya izenzo ezibi zomzimba, niya kudla ubomi.

14. Kaloku abo bakhokelwa nguMoya kaThixo, bangoonyana bakaThixo.

15. UMoya enimamkeleyo akanenzi amakhoboka, wona aphakuzelayo. Kaloku namkele uMoya onenza oonyana abathi: “Tata!” kuThixo.

16. UMoya ngokwakhe ungqinelana nathi ukuthi singabantwana bakaThixo.

17. Ukuba ke singabantwana bakaThixo, sikwaziindlalifa zikaThixo. Ewe, siziindlalifa kunye noKrestu, kuba kaloku siva ubunzima kunye naye, siphinde siwongwe kwakunye naye.

funda isahluko epheleleyo Kwabaseroma 8