Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabaseroma 8:12-27 Ibhayibhile (XHO96)

12. Ngoko ke, mawethu, masingakholisi isimo sethu esonakeleyo.

13. Kuba xa niphila ngokweso simo, niya ekufeni; kodwa ukuba niyazitshitshisa ngamandla oMoya izenzo ezibi zomzimba, niya kudla ubomi.

14. Kaloku abo bakhokelwa nguMoya kaThixo, bangoonyana bakaThixo.

15. UMoya enimamkeleyo akanenzi amakhoboka, wona aphakuzelayo. Kaloku namkele uMoya onenza oonyana abathi: “Tata!” kuThixo.

16. UMoya ngokwakhe ungqinelana nathi ukuthi singabantwana bakaThixo.

17. Ukuba ke singabantwana bakaThixo, sikwaziindlalifa zikaThixo. Ewe, siziindlalifa kunye noKrestu, kuba kaloku siva ubunzima kunye naye, siphinde siwongwe kwakunye naye.

18. Ndigqiba kwelithi ezi ntlungu zangoku azinakufaniswa nobuncwane esiza kubuxhamla;

19. kuba indalo iphela ilangazelela ukuba uThixo ade abaveze oonyana bakhe.

20. Kaloku indalo yathotyelwa kwimeko ephuthileyo, kungengakuthanda kwayo, kodwa kungokuthanda kwalowo wayithobayo. Phofu likho ithemba lokuba

21. nendalo ngokwayo iya kude ikhululwe kwiimbophelelo zokonakala, ize nayo isiwe enkululekweni nasebuqaqawulini babantwana bakaThixo.

22. Kuba kaloku siyazi ukuba kude kube ngokunje yonke indalo iyancwina inenimba.

23. Asiyiyo yodwa ke: nathi thina siphiwe uMoya osisiqinisekiso sokukhululwa kwethu nguThixo, siyancwina, silindele ukubekwa ewongeni lokuba ngoonyana bakaThixo. Yinkululeko yethu ke leyo.

24. Okunene naxa sisindisiwe nje, sisesethembeni. Ukuba ke siyayibona into esithembe ukuyifumana, asilothemba elo. Kaloku akukho mntu uthemba ukufumana into aseleyifumene.

25. Kodwa ke into esingayiboniyo, esithembe ukuyifumana, siyilindela ngomonde.

26. Ngokukwanjalo noMoya uyasixhasa ekusweleni kwethu amandla, kuba kaloku asiyazi eyona ndlela singathandaza ngayo. Kodwa ke kweso singqala sethu sikhohliwe uMoya ngokwakhe uyasithethelela.

27. Ke uThixo oziphengululayo iintliziyo uyazazi iingcamango zoMoya, kuba kaloku uMoya uthethelela abantu bakaThixo ngokwentando kaThixo.

funda isahluko epheleleyo Kwabaseroma 8