Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabaseroma 8:1-11 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ngoko ke àbagwetywa abo bamanywe noKrestu Yesu.

2. Kaloku ngokumanywa kwam noKrestu Yesu, uMoya umniki-bomi undikhulule ekulawulweni sisono nakukufa.

3. Ke wona umthetho wawungenako ukusikhulula, ngenxa yokonakala kwesimo sethu. Kodwa yena uThixo wamthumela uNyana wakhe, ekwisimo esifana nesimo sethu esonakeleyo, waza wasigweba isono emntwini wenyama negazi.

4. Le nto uThixo uyenzele ukuze injongo yomthetho izalisekiswe kuthi, thina singaphiliyo ngokwesimo esonakeleyo, koko siphila ngokoMoya.

5. Abo besimo esonakeleyo banyamekela izinto zeso simo; ibe ke abo boMoya banyamekela izinto zoMoya.

6. Ke ukunyamekela izinto zesimo esonakeleyo kusa ekufeni, kanti ke ukunyamekela ezoMoya kusa ebomini naseluxolweni.

7. Abo banyamekela izinto zesimo esonakeleyo baziintshaba zikaThixo, kuba kaloku abawuthobeli umthetho wakhe. Kakade abanako ukuyenza loo nto.

8. Ábenjenjalo ke àbanako ukumkholisa uThixo konke-konke.

9. Ke nina aningabo abaphila ngokwesimo esonakeleyo, ningabo bakhokelwa nguMoya, ukuba kambe uMoya kaThixo uhleli kuni. Ke umntu ongenaye uMoya kaKrestu akangokaKrestu.

10. Ukuba uKrestu ukho kuni, nangona umzimba ufile ngenxa yesono, uMoya yena uninika ubomi. Kaloku nenziwe amalungisa.

11. Ukuba ke uMoya kaThixo owamvusayo uYesu ekufeni ukho kuni, neyenu imizimba uThixo uya kuyinika ubomi ngoMoya wakhe okhoyo kuni.

funda isahluko epheleleyo Kwabaseroma 8