Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabaseroma 7:13-25 Ibhayibhile (XHO96)

13. Umthetho ulungile nje, ungaba kukufa kum? Nakanye! Sisono esaba kukufa kum. Sona sisebenzise into elungileyo ukundizisela ukufa, saza ke sacaca into esiyiyo, khon' ukuze ngomthetho isono sibonakale sisisono ngakumbi nangakumbi.

14. Siyazi ke ukuba umthetho ngowoMoya kaThixo, kodwa mna ndiyinyama negazi; ndiphantsi kwegunya lesono.

15. Into endiyenzayo yinkohla kum, kuba kaloku into endithanda ukuyenza andiyenzi, ukanti ndiyayenza endiyithiyileyo.

16. Xa ke ndisenza into endiyithiyileyo, kucacile ukuba ndiyavuma ukuthi umthetho ulungile.

17. Ngoko ke ayisendim owenza loo nto ndingayithandiyo, koko sisono esihleli kum esenza loo nto.

18. Ndiyazi ukuba akuhlali nto ilungileyo kum – nditsho kwisimo sam esonakeleyo – kuba kaloku umnqweno wokwenza into elungileyo ukho kum, kodwa ukwenza andinako.

19. Into elungileyo endithanda ukuyenza, andiyenzi; kodwa into embi endingathandi kuyenza, ndiyayenza.

20. Ukuba ke ndenza loo nto ndingayithandiyo, ayisendim oyenzayo, koko sisono esi sihleli kum esiyenzayo loo nto.

21. Kambe ke ndibhaqa le nto apha kum: Kuthi xa ndifuna ukwenza into elungileyo, ndisuke ndonganyelwe kukwenza ububi.

22. Ndiyawulangazelela umthetho kaThixo ngentliziyo,

23. kodwa ndibhaqa nto yimbi kwalapha kum echasene nomthetho endiwaziyo entliziyweni yam, nto leyo indithimbela esonweni esihleli kum.

24. Hayi usizana endilulo! Ngubani na oya kundihlangula kulo mzimba usisisulu sokufa?

25. Ndiyambulela uThixo ngoYesu Krestu iNkosi yethu!Nantsi ke imeko endikuyo: Ngokuphathelele kwendikwaziyo entliziyweni yam, okunene ndikhonza uThixo; kodwa ngokwesimo sam esonakeleyo, ndikhonza isono.

funda isahluko epheleleyo Kwabaseroma 7