Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabaseroma 6:15-23 Ibhayibhile (XHO96)

15. Síthini na ke ngoko? Sóne na, kuba singekho phantsi kwawo umthetho, siphantsi kobabalo? Nakanye!

16. Kakade niyazi ukuba lowo nizinikela kuye ukuba anilawule, ngokwenyani niyamkhonza, nimthobele. Abalawulwa sisono ke baba sisisulu sokufa, kodwa abamthobeleyo uThixo ubenza amalungisa.

17. Ke kaloku, makubulelwe kuThixo, kuba nanifudula nilawulwa sisono, kodwa ngoku niyithobela ngokupheleleyo imfundiso eniyifundisiweyo.

18. Nakhululwa ke kuso isono, naba phantsi kobulungisa.

19. Ngenxa yobuthathaka bemvelo yenu mandingantsonkothi. Njengoko nanizinikele ngokupheleleyo ukuba nenze ukungcola nokwaphula umthetho, nize nichasane nomthetho; ngokunjalo ke nangoku zinikeleni ngokupheleleyo ukuze nenze okulungileyo, khon' ukuze nahluke.

20. Okuya nanilawulwa sisono naningekho phantsi kobulungisa.

21. Ke, benizuza ntoni ngaloo nto? Andithi izinto enanizizuza zezi nineentloni ngazo ngoku, ezi zikhokelela ekufeni?

22. Ngoku ke, nikhululwe nje esonweni, naba ngabakaThixo, ninaso isiqhamo esibubungcwele. Le nto ke ikhokelela ebomini obungunaphakade.

23. Isono sinomvuzo: samkelisa ukufa; ke sona isipho asibabala ngaso uThixo ngokumanywa kwethu noKrestu Yesu iNkosi yethu, bubomi obungonaphakade.

funda isahluko epheleleyo Kwabaseroma 6