Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabaseroma 4:17-25 Ibhayibhile (XHO96)

17. njengokuba zisitsho *iziBhalo ukuthi: “Ndikwenze uyise wezizwe ezininzi.” KuThixo ke uAbraham ngubawo wethu sonke; lo Thixo uAbraham athe wakholwa kuye; lo Thixo unika abafileyo ubomi; lo Thixo uthetha ngelizwi zitsho izinto ezingekabikho zibekho.

18. UAbraham wakholwa, wathemba, naxa ithemba lalingekho. Wakholwa okokuba woba “nguyise wezizwe ezininzi,” njengoko iziBhalo zitshoyo ukuthi: “Iya kuba ngako ke inzala yakho ukuba ninzi kwayo.”

19. Wayemayela nekhulu leminyaka ezelwe, kodwa akatyhafanga elukholweni akucinga ngokwaluphala kwakhe nangobudlolo bukaSara.

20. Hayi, akasithandabuzanga isithembiso sikaThixo ngokungakholwa; waya esomelela elukholweni, embonga uThixo,

21. eqinisekile ukuba uThixo unako ukukwenza oko akuthembisileyo.

22. Kungoko “wabalelwa ekubeni lilungisa nguThixo.”

23. La mazwi athi “wabalelwa ekubeni lilungisa” akabhekisi kuye yedwa.

24. Hayi, abhekisa nakuthi, thina sasiza kuba ngamalungisa, thina sikholwayo kuThixo owamvusayo uYesu iNkosi yethu kwabafileyo,

25. yena owanikelwa ekufeni ngenxa yezono zethu, waza wabuya wavuswa, ukuze thina sibe ngamalungisa.

funda isahluko epheleleyo Kwabaseroma 4