Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabaseroma 4:1-6 Ibhayibhile (XHO96)

1. Sithini na ke ngobawo uAbraham esiyinzala yakhe?

2. Ukuba ebenziwe ilungisa ngenxa yokufezekisa kwakhe umthetho, ebengaqhayisayo; kodwa ngoku akanandlela yakuqhayisa phambi koThixo.

3. Zithini kanene *iziBhalo? Zithi: “UAbraham wakholwa kuThixo, waza ngenxa yoko wabalelwa ekubeni lilungisa nguThixo.”

4. Kaloku umntu osebenzayo wamkela umvuzo oyimfanelo yakhe, ungesiso isipho.

5. Ke umntu ongathembelanga misebenzini yakhe, koko okholwa kuThixo ogwebela umoni, uba lilungisa phambi koThixo.

6. Unoyolo ke umntu othe waba lilungisa phambi koThixo, engakusebenzelanga oko. Lolu yolo ke uDavide aluncomayo xa athi:

funda isahluko epheleleyo Kwabaseroma 4