29. Kanene uThixo ungowamaJuda odwa na? Akanguye na owezizwe nazo? Ewe, ngowazo nazo.
30. Kaloku uThixo mnye kuphela; ugwebela amaJuda ngokukholwa kwawo, nezizwe azigwebele ngokukholwa kwazo ngokunjalo.
31. Ngaba ke siyawutshitshisa umthetho kaMosis ngokukholwa? Nakanye! Siyawuxhasa.