Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabaseroma 3:26-31 Ibhayibhile (XHO96)

26. kodwa ke namhlanje akasayenzi loo nto – ngoku walatha indlela abenza ngayo amalungisa. Ngale ndlela ke uThixo utyhila ubulungisa bakhe, emenza abe lilungisa wonke okholwayo kuYesu.

27. Kukho nto singaziqhayisa ngayo ke? Hayi, ayikho. Ngasizathu sini na? Kuba sigcina umthetho kaMosis? Hayi, ngenxa yokuba sikholwa.

28. Kuba kaloku sigqibe kwelithi uThixo wenza abantu babe ngamalungisa ngokholo, kungengakuthobela kwabo umthetho.

29. Kanene uThixo ungowamaJuda odwa na? Akanguye na owezizwe nazo? Ewe, ngowazo nazo.

30. Kaloku uThixo mnye kuphela; ugwebela amaJuda ngokukholwa kwawo, nezizwe azigwebele ngokukholwa kwazo ngokunjalo.

31. Ngaba ke siyawutshitshisa umthetho kaMosis ngokukholwa? Nakanye! Siyawuxhasa.

funda isahluko epheleleyo Kwabaseroma 3