Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabaseroma 3:20-30 Ibhayibhile (XHO96)

20. Kaloku akukho mntu uya kuba lilungisa kuThixo ngakugcina kwakhe umthetho; into eyenziwa ngumthetho kukwazisa abantu ngesono.

21. Ngoku ke indlela uThixo abalungisa ngayo abantu ibonakalisiwe, ingeyiyo eyomthetho. Kambe ke iyangqinelwa *ngumthetho kaMosis *nangabashumayeli bamandulo.

22. Yona kukukholwa nokuzinikela kuYesu Krestu. UThixo ubenza amalungisa bonke abakholwayo kuYesu, kuba akanamkhethe.

23. Kaloku bonke bonile; bayalabalaba kubuqaqawuli ababulungiselelwe nguThixo.

24. Kanti ke uThixo uyabababala abantu; ubenzela isisa: nangona bengafanelanga ubagwebela ngaye uYesu Krestu obakhululayo.

25. UThixo wammisela uYesu ukuba abe lidini lokungxengxezela izono zabakholwayo. Ukufa kwakhe yindlela uThixo abenza ngayo amalungisa abantu. Kumaxesha adlulileyo uThixo wazibamba akabagweba aboni;

26. kodwa ke namhlanje akasayenzi loo nto – ngoku walatha indlela abenza ngayo amalungisa. Ngale ndlela ke uThixo utyhila ubulungisa bakhe, emenza abe lilungisa wonke okholwayo kuYesu.

27. Kukho nto singaziqhayisa ngayo ke? Hayi, ayikho. Ngasizathu sini na? Kuba sigcina umthetho kaMosis? Hayi, ngenxa yokuba sikholwa.

28. Kuba kaloku sigqibe kwelithi uThixo wenza abantu babe ngamalungisa ngokholo, kungengakuthobela kwabo umthetho.

29. Kanene uThixo ungowamaJuda odwa na? Akanguye na owezizwe nazo? Ewe, ngowazo nazo.

30. Kaloku uThixo mnye kuphela; ugwebela amaJuda ngokukholwa kwawo, nezizwe azigwebele ngokukholwa kwazo ngokunjalo.

funda isahluko epheleleyo Kwabaseroma 3