Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabaseroma 3:11-22 Ibhayibhile (XHO96)

11. akukho mntu uqondayo;akukho umfunayo uThixo!

12. Bonke bamfulathele;akukho yabo xa bebonke.Akukho wenza okulungileyo;hayi namnye!

13. Yinto ebolileyo intetho yabo;ngeelwimi zabo bahlala bekhohlisa.Amazwi emilebe yabo abubuhlungu benyoka;

14. umlomo wabo uzele zizishwabulo ezikrakra.

15. Bakungxamele ukuphalaza igazi;

16. yimbuqe nosizi emkhondweni wabo;

17. yona indlela yoxolo abayazanga;

18. ewe, abamoyiki konke uThixo.”

19. Siyazi ke ukuba konke okuthethwa ngumthetho, kuwiselwa abaphantsi komthetho; ukuze bonke basikwe umlomo, nehlabathi lonke lifumaneke linetyala kuThixo.

20. Kaloku akukho mntu uya kuba lilungisa kuThixo ngakugcina kwakhe umthetho; into eyenziwa ngumthetho kukwazisa abantu ngesono.

21. Ngoku ke indlela uThixo abalungisa ngayo abantu ibonakalisiwe, ingeyiyo eyomthetho. Kambe ke iyangqinelwa *ngumthetho kaMosis *nangabashumayeli bamandulo.

22. Yona kukukholwa nokuzinikela kuYesu Krestu. UThixo ubenza amalungisa bonke abakholwayo kuYesu, kuba akanamkhethe.

funda isahluko epheleleyo Kwabaseroma 3