Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabaseroma 15:9-17 Ibhayibhile (XHO96)

9. Ngokunjalo uKrestu wayenza le nto ukuze neentlanga zimdumise uThixo ngenxa yenceba yakhe, njengoko *iziBhalo zitshoyo ukuthi:“Ngenxa yoko ndiya kukudumisa phakathi kweentlanga,ndiliculele indumiso igama lakho.”

10. Kananjalo zithi:“Yibani nemihlali ndawonye nabantu bakhe, nina zintlanga.”

11. Kananjalo:“Yidumiseni iNkosi, nonke nina zintlanga;yibongeni, nonke nina zizwe.”

12. Kananjalo noIsaya uthi:“Liya kubakho iHlumelo likaJese.Uya kuvela oya kulawula iintlanga.Ziya kuthembela kuye izizwe.”

13. Wanga ke uThixo, umthombo wethemba, angáthi ngokukholwa kwenu anivuyise kakhulu, aniphe uxolo, ukuze ithemba lenu liye lisanda ngokwanda ngamandla oMoya oyiNgcwele.

14. Mawethu, ndiqinisekile ukuba ningabantu abalungileyo, abanolwazi olunzulu, abanako nokucebisana.

15. Kodwa ke, mawethu, kwezinye iindawo ndinibhalele ndithetha ngokuphandle, ndinikhumbuza kwakhona ngeendawo ezithile. Ndithethe ngokuphandle ngenxa yobabalo uThixo awandibabala ngalo,

16. ubabalo ke lokuba ngumkhonzi kaKrestu Yesu olungiselela iintlanga. Ngokushumayela iindaba ezimnandi zikaThixo ndisebenza okombingeleli, ukuze iintlanga zibe nokuba lidini elamkelekileyo kuThixo, lingcwaliswe nguMoya oyiNgcwele.

17. Ekubeni ndimkhonza ngolu hlobo uThixo, ndimanywe noKrestu Yesu, ndifanele ukuba neqhayiya.

funda isahluko epheleleyo Kwabaseroma 15