Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabaseroma 15:26-33 Ibhayibhile (XHO96)

26. Kaloku kwakholeka kwabaseMakedoni nabaseAkaya ukuba babancede abantu bakaThixo baseJerusalem abasweleyo.

27. Benjenjalo kuba babemelwe kakade kukwenjenjalo. Kaloku ekubeni amakholwa angamaJuda ethe anikela ngezinto ezizezoMoya kwiintlanga, kufanelekile ukuba namakholwa aziintlanga anikele kumaJuda ngezinto zokuxhasa ubomi.

28. Ndakuba ke ndiwugqibile lo msebenzi, ndiyinikele kuwo loo mali, ndothi xa ndiya eSpeyini, ndinityelele.

29. Xa ndinityelelayo ke, ndiqinisekile ukuba ndoniphathela zonke iintsikelelo asisikelela ngazo uKrestu.

30. Ke kaloku, mawethu, ndiyanibongoza ngenxa yeNkosi yethu uYesu Krestu nangenxa yokusithanda kwakhe uMoya, ukuba nindithandazele kuThixo, njengokuba nam ndizithandazela.

31. Ndithandazela ukuba ndihlangulwe kwabangamphulaphuliyo uThixo abakwelakwaJuda. Ndithandazela nokuba kwamkeleke ukubalungiselela kwam abantu bakaThixo abaseJerusalem,

32. khon' ukuze ndinihambele ngovuyo ngemvume kaThixo, sichwayitisane.

33. Ke kaloku uThixo, imbangi yoxolo, makabe nani nonke. *Amen.

funda isahluko epheleleyo Kwabaseroma 15