Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabaseroma 15:13-31 Ibhayibhile (XHO96)

13. Wanga ke uThixo, umthombo wethemba, angáthi ngokukholwa kwenu anivuyise kakhulu, aniphe uxolo, ukuze ithemba lenu liye lisanda ngokwanda ngamandla oMoya oyiNgcwele.

14. Mawethu, ndiqinisekile ukuba ningabantu abalungileyo, abanolwazi olunzulu, abanako nokucebisana.

15. Kodwa ke, mawethu, kwezinye iindawo ndinibhalele ndithetha ngokuphandle, ndinikhumbuza kwakhona ngeendawo ezithile. Ndithethe ngokuphandle ngenxa yobabalo uThixo awandibabala ngalo,

16. ubabalo ke lokuba ngumkhonzi kaKrestu Yesu olungiselela iintlanga. Ngokushumayela iindaba ezimnandi zikaThixo ndisebenza okombingeleli, ukuze iintlanga zibe nokuba lidini elamkelekileyo kuThixo, lingcwaliswe nguMoya oyiNgcwele.

17. Ekubeni ndimkhonza ngolu hlobo uThixo, ndimanywe noKrestu Yesu, ndifanele ukuba neqhayiya.

18. Ke mna andinabuganga bakuthetha nto ngazinto angazisebenzanga ngam uKrestu. UKrestu wasebenza ngam ukuze iintlanga zimlulamele, esebenza ngamazwi am nangezenzo zam,

19. esebenza ngamandla emiqondiso nemimangaliso, nangamandla oMoya. Ndithe ke ndaqala eJerusalem, ndajikeleza ndaya kutsho nakwelaseIliriko, ndizivakalisa kuyo yonke indawo iindaba ezimnandi zikaKrestu.

20. Ndihlala ndizimisele ukushumayela iindaba ezimnandi apho kungekaviwa nto khona ngoKrestu, ukuze ndingakhi phezu kwesiseko somnye,

21. kodwa kube njengoko *iziBhalo zitshoyo ukuthi:“Abo bangaxelelwanga nto ngaye, baya kubona;nabo bengevanga nto, baya kuqonda.”

22. Ngenxa yoko bendisoloko ndixakekile, andabi nako ukunihambela.

23. Ngoku ke, ekubeni ndingasenandawo emandiyihambele kule mimandla, nasekubeni ndineminyaka emininzi ndilangazelela ukunihambela,

24. ndothi ke xa ndihambela eSpeyini, ndinityelele nani, kuba ndinethemba lokunibona xa ndigqitha apho. Emva kokuba ke sendikhe ndaba lundwendwe phakathi kwenu okwexeshana, ndinethemba lokuba nondixhasa ukuya eSpeyini.

25. Kodwa okwangoku ndisaya eJerusalem, ukuya kulungiselela abantu bakaThixo.

26. Kaloku kwakholeka kwabaseMakedoni nabaseAkaya ukuba babancede abantu bakaThixo baseJerusalem abasweleyo.

27. Benjenjalo kuba babemelwe kakade kukwenjenjalo. Kaloku ekubeni amakholwa angamaJuda ethe anikela ngezinto ezizezoMoya kwiintlanga, kufanelekile ukuba namakholwa aziintlanga anikele kumaJuda ngezinto zokuxhasa ubomi.

28. Ndakuba ke ndiwugqibile lo msebenzi, ndiyinikele kuwo loo mali, ndothi xa ndiya eSpeyini, ndinityelele.

29. Xa ndinityelelayo ke, ndiqinisekile ukuba ndoniphathela zonke iintsikelelo asisikelela ngazo uKrestu.

30. Ke kaloku, mawethu, ndiyanibongoza ngenxa yeNkosi yethu uYesu Krestu nangenxa yokusithanda kwakhe uMoya, ukuba nindithandazele kuThixo, njengokuba nam ndizithandazela.

31. Ndithandazela ukuba ndihlangulwe kwabangamphulaphuliyo uThixo abakwelakwaJuda. Ndithandazela nokuba kwamkeleke ukubalungiselela kwam abantu bakaThixo abaseJerusalem,

funda isahluko epheleleyo Kwabaseroma 15