Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabaseroma 15:1-15 Ibhayibhile (XHO96)

1. Thina ke sinokholo olomeleleyo simelwe kukuthwalisana ubunzima nabo balukholo lubuthathaka. Masingazikholisi thina ziqu,

2. koko masithi sonke ngabanye sikholise abamelwane bethu ezintweni ezilungileyo ezinokulukhulisa ukholo lwabo.

3. Kaloku naye uKrestu akazikholisanga, njengoko nazo *iziBhalo zitshoyo ukuthi: “Izingcikivo zabakungcikivayo zathwalwa ndim.”

4. Kaloku zonke izinto eziseziBhalweni zabhalelwa ukusifundisa, khon' ukuze sihlale sihleli sinethemba ngonyamezelo nenkuthazo esizifumana kuzo iziBhalo.

5. Wanga ke uThixo, osinika unyamezelo nenkuthazo, anganenza nibe moya mnye ngokwentando kaKrestu Yesu,

6. ukuze nithi, ngamxhelo mnye, nimdumise ngazwi-nye uThixo, uYise weNkosi uYesu Krestu.

7. Yamkelanani ke, njengokuba naye uKrestu wasamkelayo, ukuze adunyiswe uThixo.

8. Ke kaloku ndithi, uKrestu waba ngumkhonzi wamaJuda, ukubonisa ukuba uThixo unyanisekile, uyazizalisekisa izithembiso awazenzayo *kumanyange.

9. Ngokunjalo uKrestu wayenza le nto ukuze neentlanga zimdumise uThixo ngenxa yenceba yakhe, njengoko *iziBhalo zitshoyo ukuthi:“Ngenxa yoko ndiya kukudumisa phakathi kweentlanga,ndiliculele indumiso igama lakho.”

10. Kananjalo zithi:“Yibani nemihlali ndawonye nabantu bakhe, nina zintlanga.”

11. Kananjalo:“Yidumiseni iNkosi, nonke nina zintlanga;yibongeni, nonke nina zizwe.”

12. Kananjalo noIsaya uthi:“Liya kubakho iHlumelo likaJese.Uya kuvela oya kulawula iintlanga.Ziya kuthembela kuye izizwe.”

13. Wanga ke uThixo, umthombo wethemba, angáthi ngokukholwa kwenu anivuyise kakhulu, aniphe uxolo, ukuze ithemba lenu liye lisanda ngokwanda ngamandla oMoya oyiNgcwele.

14. Mawethu, ndiqinisekile ukuba ningabantu abalungileyo, abanolwazi olunzulu, abanako nokucebisana.

15. Kodwa ke, mawethu, kwezinye iindawo ndinibhalele ndithetha ngokuphandle, ndinikhumbuza kwakhona ngeendawo ezithile. Ndithethe ngokuphandle ngenxa yobabalo uThixo awandibabala ngalo,

funda isahluko epheleleyo Kwabaseroma 15