Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabaseroma 14:13-23 Ibhayibhile (XHO96)

13. Masingabi sagwebana ke – ndaweni yaloo nto masizimisele ukungenzi nanye into enokumkhubekisa imwise esonweni umwethu.

14. Ndimanywe neNkosi uYesu nje, ndazi ngokuqinisekileyo ukuba akukho nanye into engàtyiwayo ngokunokwayo. Kodwa kulowo uthi into ayityiwa, ayityiwa ke.

15. Ukuba uyamhlungisa umwenu ngento osukuba uyitya, inkqubo yakho ayiseyiyo eyothando. Musa ukuthi ngenxa yokutya okutyayo umtshabalalise lowo uKrestu wamfelayo.

16. Inkululeko eninayo ekuzikhetheleni ukutya mayingabangi kungcikivana.

17. Kaloku ukukholisa uThixo akungakutya nakusela; kodwa kukwenza ubulungisa, sinoxolo novuyo, silawulwa nguMoya oyiNgcwele.

18. Owenjenjalo ke ukhonza uKrestu, ukholekile kuThixo, waye usulungekile emehlweni abantu.

19. Ngoku ke masizondelele izinto zoxolo nezokwakhana.

20. Musa ukuthi ngenxa yokutya uwuchithe umsebenzi kaThixo. Okunene konke ukutya kunyulu, kodwa kuba yinto embi kulowo uthi ngenxa yokutya abe sisikhubekiso komnye.

21. Kulungile ukuba ungatyi nyama, ungaseli tywala, ungenzi nantoni na engámkhubekisayo umwenu.

22. Unaluvo luthile na ngale ndawo yokutya? Hlala unalo ke phambi koThixo! Uyavuya lowo ungenasazela ngento ayityayo!

23. Kodwa ke lowo uthandabuzayo xa atyayo, selegwetyiwe, kuba akatyi ekholwa. Yonke ke into ayenzayo umntu engaqinisekanga ukuba iyamkholisa uThixo isisono.

funda isahluko epheleleyo Kwabaseroma 14