Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabaseroma 12:9-21 Ibhayibhile (XHO96)

9. Uthando malungabi naluhanahaniso. Yithiyeni inkohlakalo; bambelelani kokulungileyo.

10. Thandanani ngokwabazalanayo. Shiyiselanani ngokwenzelana imbeko.

11. Zondelelani ningatyhafi. Yibani nefuthe loMoya. Yikhonzeni iNkosi.

12. Vuyani, ninethemba nje, ninyamezele ezimbandezelweni zenu, nithandaze ningayeki.

13. Ziboneleleni iintswelo zamakholwa, nizikhathaze ngokubuka iindwendwe.

14. Basikeleleni abanitshutshisayo; sikelelani, ningaqalekisi.

15. Vuyani nabavuyayo, nilile nabalilayo.

16. Yibani moya mnye. Musani ukusukela amawonga; yaneliswani kukuzithoba. Musani ukuzicingela ukuba niziingqondi.

17. Musani ukubuyekeza ububi ngobubi. Zimiseleni ukwenza okulungileyo phambi kwabantu bonke.

18. Yenzani unako-nako ukuhlalisana ngoxolo nabantu bonke.

19. Zihlobo, musani ukuziphindezela ngokwenu. Impindezelo yiyekeleni ingqumbo kaThixo, njengoko *iziBhalo zitshoyo ukuthi: “Impindezelo yeyam, kuya kubuyekeza mna, itsho iNkosi.”

20. Kaloku iziBhalo zikwatsho nokuthi: “Ukuba utshaba lwakho lulambile, luphe into etyiwayo; ukuba lunxaniwe, luphe into eselwayo; kuba ngokwenjenjalo ke, woba uluvisa udano, khon' ukuze luguquke.”

21. Musa ukoyiswa bububi; boyise ububi ngokulungisa.

funda isahluko epheleleyo Kwabaseroma 12