17. Musani ukubuyekeza ububi ngobubi. Zimiseleni ukwenza okulungileyo phambi kwabantu bonke.
18. Yenzani unako-nako ukuhlalisana ngoxolo nabantu bonke.
19. Zihlobo, musani ukuziphindezela ngokwenu. Impindezelo yiyekeleni ingqumbo kaThixo, njengoko *iziBhalo zitshoyo ukuthi: “Impindezelo yeyam, kuya kubuyekeza mna, itsho iNkosi.”
20. Kaloku iziBhalo zikwatsho nokuthi: “Ukuba utshaba lwakho lulambile, luphe into etyiwayo; ukuba lunxaniwe, luphe into eselwayo; kuba ngokwenjenjalo ke, woba uluvisa udano, khon' ukuze luguquke.”
21. Musa ukoyiswa bububi; boyise ububi ngokulungisa.