Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabaseroma 11:1-6 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ngaba uThixo ubalahlile na abantu bakhe amaSirayeli? Nakanye! Nam ngokwam ndingumSirayeli, ndiyinzala ka-Abraham, ndingowendlu kaBhenjamin.

2. UThixo akabalahlanga abantu bakhe awabanyula mhlamnene. Kaloku niyayazi *eziBhalweni indawo apho uEliya awamangalela khona kuThixo amaSirayeli, esithi:

3. “Nkosi, amaSirayeli ababulele *abashumayeli bakho, namaqonga akho amadini awadilizile. Ndim ndodwa oseleyo, kwaye nam afuna ukundibulala.”

4. Limphendula njani ke ilizwi likaThixo? Lithi: “Ndizishiyele amadoda angamawaka asixhenxe angamnqulanga *uBhali.”

5. Kanti nangoku ke kukwanjalo. Lisekho iqaqobana elichongwe nguThixo ngokwesisa sakhe.

6. Lona lachongwa nguThixo ngokwesisa sakhe, elibabala, engalinyuli ngenxa yezenzo zalo. Kaloku ukuba uThixo wayenyula abantu ngokwezenzo zabo, isisa sakhe asingebi saba sisisa.

funda isahluko epheleleyo Kwabaseroma 11