Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabaseroma 1:4-18 Ibhayibhile (XHO96)

4. waza ngamandla oMoya oyiNgcwele wabonakaliswa ngesiganeko sokuvuka kwabafileyo ukuba unguNyana kaThixo. Lo Nyana kaThixo nguYesu iNkosi yethu;

5. endathi ngaye ndenzelwa isisa sokuba ngumthunywa ngenxa yakhe, ukuze ndikhokelele izizwe zonke ekukholweni nasekumthobeleni;

6. eniphakathi kwazo nani, nina babiziweyo bakaYesu Krestu.

7. Kuni nonke, bathandwa bakaThixo abaseRoma, nina nibiziweyo naba ngabakaThixo, ndithi: Makube lubabalo noxolo oluvela kuThixo uBawo wethu, neNkosi uYesu Krestu.

8. Kuqala ke, ndiyambulela uThixo wam ngoYesu Krestu ngenxa yenu nonke, kuba ukholo lwenu ludumile kulo lonke ihlabathi.

9. Kaloku uThixo endimkhonzayo ngomxhelo wam ngokushumayela iindaba ezimnandi zoNyana wakhe, uyandingqinela ukuba ndihlala ndinikhumbula.

10. Ndiyakhunga emithandazweni yam, ukuba uThixo angáde ngokwentando yakhe andiphumelelise ukunihambela.

11. Kaloku ndilangazelela ukunibona, ukuze ndinabele siphiwo sithile kwezoMoya, ukuze nomelezeke.

12. Ndithetha ukuthi nina kunye nam sivuseleleke: nina ngokholo lwam, nam ke ngokholo lwenu.

13. Ngoko ke, mawethu, ndifuna ukuba niyiqonde into yokuba kudala ndazimisela ukunihambela, kodwa ndaba soloko ndithintelwa kwada kwanamhla. Bendifuna ziqhamo zithile zeendaba ezimnandi naphakathi kwenu, kwanjengaphakathi kwezinye iintlanga.

14. Kaloku ndimelwe kukushumayela kubo bonke: kwabaphucukileyo nakwabangaphucukanga, kwizilumko nakwabangaziyo.

15. Ngenxa yoko ke ndingxamele ukuzishumayela iindaba ezimnandi nakuni baseRoma.

16. Andinazintloni ngazo iindaba ezimnandi zikaKrestu. Zingamandla kaThixo okusindisa bonke abakholwayo, umJuda kuqala, kwanowolunye uhlanga ngokunjalo.

17. Ngezi ndaba zimnandi kaloku kutyhilwa indlela uThixo asenza amalungisa ngayo: kungokholo qha, njengoko zitshoyo neziBhalo ukuthi: “Ngokholo lwakhe olilungisa uya kudla ubomi.”

18. Ingqumbo kaThixo ibonakala ivela ezulwini. Yona ichasene naso sonke isono nokungalungisi kwabantu abayithintelayo inyaniso ngokona.

funda isahluko epheleleyo Kwabaseroma 1