Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabaseroma 1:24-28 Ibhayibhile (XHO96)

24. Kungoko athe uThixo, ngenxa yeminqweno yeentliziyo zabo, wabanikela kwiintlondi zabo, ukuba bahlazisane ngemizimba yabo.

25. Aba bantu ke bagqwethe inyaniso kaThixo ngobuxoki. Bahlonela isidalwa, basikhonze, baze bamlibale uMdali, yena ongowokubongwa ngonaphakade. *Amen.

26. Ngenxa yoko ke, uThixo ubanikele ezinkanukweni ezilihlazo. Ewe, nditsho namabhinqa la abo ayalalana ngokuchasene nendalo yemizimba yawo.

27. Kwangokunjalo namadoda akuyekile ukulala namabhinqa, aza atshiswa kukukhanukana. Amadoda enza amanyala kwamanye amadoda, aze ke afumane isohlwayo esiwafaneleyo, esiyimbuyekezo yokulahleka kwawo.

28. Ekubeni ke bengakukhathalelanga ukuhlala bemazi uThixo, yena wabayekela kwezo ngcinga zabo zingcolileyo, baza benza izinto ezingafanelekanga.

funda isahluko epheleleyo Kwabaseroma 1