Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabaseroma 1:13-24 Ibhayibhile (XHO96)

13. Ngoko ke, mawethu, ndifuna ukuba niyiqonde into yokuba kudala ndazimisela ukunihambela, kodwa ndaba soloko ndithintelwa kwada kwanamhla. Bendifuna ziqhamo zithile zeendaba ezimnandi naphakathi kwenu, kwanjengaphakathi kwezinye iintlanga.

14. Kaloku ndimelwe kukushumayela kubo bonke: kwabaphucukileyo nakwabangaphucukanga, kwizilumko nakwabangaziyo.

15. Ngenxa yoko ke ndingxamele ukuzishumayela iindaba ezimnandi nakuni baseRoma.

16. Andinazintloni ngazo iindaba ezimnandi zikaKrestu. Zingamandla kaThixo okusindisa bonke abakholwayo, umJuda kuqala, kwanowolunye uhlanga ngokunjalo.

17. Ngezi ndaba zimnandi kaloku kutyhilwa indlela uThixo asenza amalungisa ngayo: kungokholo qha, njengoko zitshoyo neziBhalo ukuthi: “Ngokholo lwakhe olilungisa uya kudla ubomi.”

18. Ingqumbo kaThixo ibonakala ivela ezulwini. Yona ichasene naso sonke isono nokungalungisi kwabantu abayithintelayo inyaniso ngokona.

19. Unobangela wale ngqumbo kukuba oko kunokwaziwa ngoThixo kucacile kubo, kuba uThixo wakubonakalisa kubo ngokwakhe.

20. Kaloku imo engabonwayo kaThixo – ndithetha amandla akhe angapheliyo kwanobuThixo bakhe – ibonakala kakuhle kwasekudalweni kwehlabathi. Kaloku iqondakala ngezinto azenzileyo uThixo. Ngenxa yoko abantu abanasiphephelo mpela.

21. Bayamazi uThixo, kodwa abamdumisi ngokumfaneleyo, abambuleli nokumbulela. Basuke baba ngabacinga izinto ezingento, yaza ingqiqo yabo yamfiliba.

22. Bazicingela ukuba bazizilumko, ukanti baziziyatha.

23. Bashiye ubuqaqawuli bukaThixo ongafiyo, baya kukhonza umfanekiso womntu ofayo, noweentaka, nowezilo ezizitho zine, nowezilo ezirhubuluzayo.

24. Kungoko athe uThixo, ngenxa yeminqweno yeentliziyo zabo, wabanikela kwiintlondi zabo, ukuba bahlazisane ngemizimba yabo.

funda isahluko epheleleyo Kwabaseroma 1