Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabaseroma 1:11-15 Ibhayibhile (XHO96)

11. Kaloku ndilangazelela ukunibona, ukuze ndinabele siphiwo sithile kwezoMoya, ukuze nomelezeke.

12. Ndithetha ukuthi nina kunye nam sivuseleleke: nina ngokholo lwam, nam ke ngokholo lwenu.

13. Ngoko ke, mawethu, ndifuna ukuba niyiqonde into yokuba kudala ndazimisela ukunihambela, kodwa ndaba soloko ndithintelwa kwada kwanamhla. Bendifuna ziqhamo zithile zeendaba ezimnandi naphakathi kwenu, kwanjengaphakathi kwezinye iintlanga.

14. Kaloku ndimelwe kukushumayela kubo bonke: kwabaphucukileyo nakwabangaphucukanga, kwizilumko nakwabangaziyo.

15. Ngenxa yoko ke ndingxamele ukuzishumayela iindaba ezimnandi nakuni baseRoma.

funda isahluko epheleleyo Kwabaseroma 1