Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabasekolose 4:2-12 Ibhayibhile (XHO96)

2. Zingisani ukuthandaza, niphaphile, ninombulelo kuThixo.

3. Nam nindikhumbule emthandazweni, ukuze uThixo andivulele ithuba lokushumayela, ndivakalise udaba olungoKrestu obelukade lungaziwa mntu. Ndikhonkxiwe nje kaloku yiloo nto.

4. Ze nindithandazele ukuze ndiyithethe icace le mfihlelo, njengoko ndimelwe kukwenjenjalo.

5. Yilumkeleni indlela eniziphatha ngayo phambi kwabo bangakholwayo, nilisebenzise kakuhle ithuba eninalo.

6. Incoko yenu mayisoloko imnandi, inika umdla. Fundani ukucebisana kakuhle nomntu ngamnye enidibana naye.

7. Umwethu oyintanda, uTikiko okholekileyo, umncedi nogxa wam emsebenzini weNkosi, uza kunibalisela ngemeko yam apha.

8. Yiyo le nto ndimthumela kuni nje, ndifuna aze kunixelela ngempilo yethu, anivuselele.

9. Uza kuba ehamba no-Onesimo, ikholwa eliyintanda lakuni. Bonixelela ke zonke iindaba zalapha.

10. Uyanibulisa uAristarko ongumbanjwa kunye nam, kwanoMarko umzala kaBharnabha. (Beseniwufumene umyalezo ngaye, ngoko ke xa athe wafika mamkeleni azive esekhaya.)

11. NoYesu onguYusto uyabulisa. Ngâba kuphela kumakholwa amaJuda abândincedisáyo emsebenzini wokuvakalisa ulawulo lukaThixo. Futhi ke bayintuthuzelo kum.

12. Uyabulisa uEpafra, isicaka sikaKrestu Yesu, okwangowakuni. Uthe rhoqo ukunithandazela ukuba nime ningahexi, nikhule, nizinikele ngokupheleleyo ekwenzeni intando kaThixo.

funda isahluko epheleleyo Kwabasekolose 4