Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabasekolose 4:10-16 Ibhayibhile (XHO96)

10. Uyanibulisa uAristarko ongumbanjwa kunye nam, kwanoMarko umzala kaBharnabha. (Beseniwufumene umyalezo ngaye, ngoko ke xa athe wafika mamkeleni azive esekhaya.)

11. NoYesu onguYusto uyabulisa. Ngâba kuphela kumakholwa amaJuda abândincedisáyo emsebenzini wokuvakalisa ulawulo lukaThixo. Futhi ke bayintuthuzelo kum.

12. Uyabulisa uEpafra, isicaka sikaKrestu Yesu, okwangowakuni. Uthe rhoqo ukunithandazela ukuba nime ningahexi, nikhule, nizinikele ngokupheleleyo ekwenzeni intando kaThixo.

13. Nam ndiyangqina ukuba akaphumli esebenzela nina nabaseLawodike nabantu baseHirapoli.

14. Nomhlobo wethu othandekayo ugqirha uLuka uyabulisa, ngokunjalo noDemas.

15. Ndibuliseleni kumawethu aseLawodike, nakuNimfa nebandla elo lihlanganela endlwini yakhe.

16. Xa seniyifundile le leta yigqithiseleni kwibandla laseLawodike, ifundwe nakhona. Ngokukwanjalo ke nani ze niyifunde laa leta yaseLawodike.

funda isahluko epheleleyo Kwabasekolose 4