Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabasekolose 1:14-22 Ibhayibhile (XHO96)

14. lo sifumene kuye inkululeko nokuxolelwa kwezono.

15. UKrestu yimbonakalo kaThixo ongabanokaliyo;ingqalo nentloko yayo yonke indalo.

16. Iinto zonke zadalwa ngaye,ezulwini nasemhlabeni,ezibonakalayo nezingabonakaliyo.Zonke zivela kuye:ooziphathamandla namatshawe,oozilawuli noomagunya.UThixo walidala ngaye elidalela yena ihlabathi liphela.

17. Iinto zonke zingekabikho, yena wayekho kade.Nto zonke ziyondelelana zilungelelane kuye.

18. Intloko yomzimba olibandla lakhe ikwanguye.Nguye ulibo, owokuqala ukuvuswa ekufeni,khon' ukuze yena abe sisiqalo ezintweni zonke.

19. UThixo uthandile ukuba aphuphume ubuThixo.

20. Yena ngulowo uThixo azixolelanise ngaye nehlabathi liphela;ewe, ngokuphalala kwegazi lakhe emnqamlezweniwazixolelanisa naye zonke izinto ezisezulwini nezisemhlabeni.

21. Benifudula ninxaxhile, kungekho buhlobo phakathi kwenu noThixo, ngenxa yemikhwa emibi enaniyenza, niyicinga nokuyicinga.

22. Kodwa ngoku uThixo udale ubuhlobo phakathi kwakhe nani ngokuphalala kwegazi likaKrestu, ukuze anisondeze ningabantu abanyuliweyo, ningenasiphako, nimsulwa phambi kwakhe.

funda isahluko epheleleyo Kwabasekolose 1