Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabasekolose 1:12-19 Ibhayibhile (XHO96)

12. Bulelani kuBawo onenze nakufanela ukuba nenxaxheba kwilifa labantu bakhe ebuqaqawulini.

13. Wasihlangula egunyeni lobumnyama, waza wasifudusela ekulawulweni nguNyana wakhe oyintanda,

14. lo sifumene kuye inkululeko nokuxolelwa kwezono.

15. UKrestu yimbonakalo kaThixo ongabanokaliyo;ingqalo nentloko yayo yonke indalo.

16. Iinto zonke zadalwa ngaye,ezulwini nasemhlabeni,ezibonakalayo nezingabonakaliyo.Zonke zivela kuye:ooziphathamandla namatshawe,oozilawuli noomagunya.UThixo walidala ngaye elidalela yena ihlabathi liphela.

17. Iinto zonke zingekabikho, yena wayekho kade.Nto zonke ziyondelelana zilungelelane kuye.

18. Intloko yomzimba olibandla lakhe ikwanguye.Nguye ulibo, owokuqala ukuvuswa ekufeni,khon' ukuze yena abe sisiqalo ezintweni zonke.

19. UThixo uthandile ukuba aphuphume ubuThixo.

funda isahluko epheleleyo Kwabasekolose 1