Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabasefilipi 4:8-14 Ibhayibhile (XHO96)

8. Mandiphethe ngelithi, mawethu, hlalani nicinga ngezinto eziyinyaniso nezindilekileyo nazo zonke izinto ezilungileyo nezinyulu, zonke ezithandekayo nezinesidima, nangezinto ezintle ngokupheleleyo kwanezincomekayo.

9. Zenzeni zonke izinto enazivayo nezo nazibonela kum, amazwi kwanezenzo. Ke uThixo onika uxolo uya kuba nani.

10. Ndimanyene neNkosi, yaye ndivuya gqitha kuba emva kwethuba elingaka kuphinde kwabalasela ukundikhathalela kwenu. Phofu kakade nanindikhathalele, koko niswele ithuba.

11. Xa nditshoyo ke andikhalazeli kuswela. Kaloku mna ndafunda ukwanela nakuyiphi na imeko endikuyo.

12. Ndiyazana nokuswela, kanti ke futhi ndikuqhelile ukuba nento yonke. Ndiwaqhelile amahlandinyuka obomi: intlutha nendlala, ubutyebi nokuswela.

13. Ndinako ukumelana nayo nayiphi na imeko ngenxa yamandla alowo undomelezayo.

14. Ngxatsho ke, intle into eniyenzileyo ngokundixhasa ezingxakini zam.

funda isahluko epheleleyo Kwabasefilipi 4