Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabasefilipi 4:13-23 Ibhayibhile (XHO96)

13. Ndinako ukumelana nayo nayiphi na imeko ngenxa yamandla alowo undomelezayo.

14. Ngxatsho ke, intle into eniyenzileyo ngokundixhasa ezingxakini zam.

15. Yayinini nodwa kakade enandincedayo, bantu baseFilipi, njengoko nani nisazi. Kuwo onke amabandla ethu nini kuphela enanijongene neendleko kunye nengenelo yam kwamhla ndaqalisa ukuhambisa iindaba ezimnandi, ndisuka eMakedoni.

16. Naxa ndandiseTesalonika naphinda-phinda ukundithumela uncedo.

17. Asikuko nokuba ndincwase ukuba nindikhongoze izipho, nto nje ndijonge ukuba ibe nini abafumana inzuzo.

18. Ngoku sendifumene le mpahla ifike noEpafrodito, akukho nto ndingenayo. Nindixhase nangaphezu kokuba bendilindele. Ndiyifanisa nedini elivumba limnandi,umbingelelo owamkelekileyo nowanelisayo kuThixo.

19. Yaye uThixo wam wonibonelela kuzo zonke iintswelo zenu ngendyikityha yendyebo yakhe ekuKrestu Yesu.

20. Makadunyiswe uThixo uBawo wethu ngonaphakade kanaphakade! *Amen.

21. Ndibulisa kusapho lonke lukaThixo olumanywe noKrestu Yesu. Bayabulisa nabo abantu bakaThixo abalapha kunye nam,

22. nalo lonke usapho lukaThixo, ingakumbi abo bebhotwe *likaKhesare.

23. Ubabalo lweNkosi uYesu Krestu malube nani nonke.

funda isahluko epheleleyo Kwabasefilipi 4