Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabasefilipi 4:1-10 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ewe ke, mawethu, zihlobo zam ezithandekayo, andisanikhumbuli ngako! Kaloku niluvuyo nesithsaba sam; ngoko ke, bathandwa, zingisani njengabeNkosi.

2. UYodiya benoSintike ndibacela ndibacenga-cenga ukuba babe moya mnye ebudlelaneni beNkosi.

3. Ewe, nawe mlingane wam, ndiyakubongoza ukuba uwalamle la makhosikazi, kuba nawo aba nenxaxheba kwimizamo yam yokuhambisa iindaba ezimnandi, enoKlemente nabanye oogxa bam abamagama abhaliweyo kumqulu wabaphilayo.

4. Ngoko ke, nimanywe neNkosi nje, yonwabani! Ewe, ndiyaphinda ndithi vuyani!

5. Bazeleleleni bonke abantu. INkosi isemnyango.

6. Sanukuba naxhala; kodwa iintswelo zenu ziseni kuThixo ngomthandazo, nimbongoze ninombulelo.

7. Ke lona uxolo lukaThixo olungaphaya kokuqonda luya kuzalusa iintliziyo neengcinga zenu ningahlukani noKrestu.

8. Mandiphethe ngelithi, mawethu, hlalani nicinga ngezinto eziyinyaniso nezindilekileyo nazo zonke izinto ezilungileyo nezinyulu, zonke ezithandekayo nezinesidima, nangezinto ezintle ngokupheleleyo kwanezincomekayo.

9. Zenzeni zonke izinto enazivayo nezo nazibonela kum, amazwi kwanezenzo. Ke uThixo onika uxolo uya kuba nani.

10. Ndimanyene neNkosi, yaye ndivuya gqitha kuba emva kwethuba elingaka kuphinde kwabalasela ukundikhathalela kwenu. Phofu kakade nanindikhathalele, koko niswele ithuba.

funda isahluko epheleleyo Kwabasefilipi 4