Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabasefilipi 3:9-21 Ibhayibhile (XHO96)

9. Kaloku ndimanywe naye, ndingenabulungisa ndizifumanele bona ngokugcina kwam umthetho. Ndimanywe noKrestu nje, ndenziwe ilungisa nguThixo ngenxa yokukholwa kuKrestu.

10. Inye kuphela ke into endiyifunayo: kukwazana noKrestu, ndize nam ndiweve ukusebenza kwawo amandla okuvuka kwakhe, ndibe nenxaxheba kwiimbandezelo zakhe, ndimanywe naye ekufeni kwakhe,

11. ndinethemba lokuba nam ndovuswa ekufeni.

12. Asikuko nokuba ndithi sendiphumelele, okanye sendigqibelele, nto nje ndihlala ndixhinele phambili, ndizabalazela ukuba kubekho lutho ndiluzuzayo, kuba nam ndazuzwa nguKrestu Yesu.

13. Hayi, mawethu, andizibaleli ekuthini sendizuzile, nto nje nantsi into endiyenzayo: ndithi ndizilibala izinto esezigqithile, nditsazele kwezo zingaphambili,

14. ndixhinele entanjeni, ukuze ndilizuze ibhaso laphezulu asifunza kulo uThixo ngoYesu Krestu.

15. Sonke ke thina bafikeleleyo kulo mgangatho masibe nale njongo. Kambe, ukuba bakho kuni abaneembono ezizezinye, uThixo uya kubatyhilela.

16. Kodwa ke ukuziphatha kwethu makulungelelane nalo mgangatho sesifikelele kuwo.

17. Mawethu, manyanani ekulinganiseni mna. Mna ndingumzekelo kuni; ngoko ke bagqaleni abo bahambo injengeyam.

18. Njengoko ndasoloko ndinixelela, ngoku nditsho ndisenzinyembezini, ukuba baninzi abazimilo zibenza babe ziintshaba zomnqamlezo kaKrestu.

19. Bafunzele entshabalalweni. Bona uThixo wabo sisisu sabo. Ihlazo labo baqhayisa ngalo. Iingqondo zabo bazimilisele ezintweni zalo mhlaba.

20. Kanti ke thina ikomkhulu lethu lisezulwini, apho silindele ngolangazelelo ukuba uya kuvela khona uMsindisi wethu, iNkosi uYesu Krestu.

21. Yena uya kuyiguqula le meko yethu iphuthileyo, ayifanise neyakhe enobungangamsha, esebenzisa kwaloo mandla awasebenzisayo xa afaka zonke izinto phantsi kolawulo lwakhe.

funda isahluko epheleleyo Kwabasefilipi 3