Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabasefilipi 2:19-30 Ibhayibhile (XHO96)

19. INkosi ivuma, ndinethemba lokuba kwakamsinya ndoba nako ukumthuma kuni uTimoti, khon' ukuze ndihlaziyeke ziindaba ezivela kuni.

20. Kaloku uTimoti lo kuphela komntu ozimvo zinjengezam; yaye unomdla ngokwenene kuni.

21. Bonke abanye aba baxakeke zizinto zabo, bengayinanze nganto ekaKrestu imicimbi.

22. UTimoti yena nimazi kakuhle. Niyazi ukuba wayesoloko ejikeleza kunye nam ekuhambiseni iindaba ezimnandi, kanye oku konyana ethene nca noyise.

23. Ndiza kumthuma kuni ke kamsinya, ndakuba ndiyiqondile imeko yokuhamba kwezinto ngakum;

24. ndaye ndinethemba lokuba emandleni eNkosi nam ngokwam ndiza kuza kungekudala.

25. Ndiyabona ukuba uwethu uEpafrodito, ongumncedisi nogxa wam, enanimthumele kum, mandimthumele kwakuni.

26. Ubesoloko enikhumbula gqitha, yaye uva intw' embi kuba nivile ukuba ubegula.

27. Kambe wayegulela ukungabikho, kodwa uThixo wamenzela inceba, nam wandivela ngokundikhulula kusizi olungaphezu kolu ndinalo.

28. Ngenxa yaloo nto ke ndikungxamele ngakumbi ukumthumela, ukuze nivuye kwakhona nakumbona, nam ndiphumle elusizini.

29. Mamkeleni ke ngezandla ezingenamkhinkqi ebudlelaneni eninabo neNkosi. Bonke abantu abanjengaye nje benzeleni imbeko,

30. kuba yena obakhe ubomi uphantse ukwahlukana nabo ngenxa yemicimbi kaKrestu, ebubeke esichengeni ukuze andincede apho beningenakundinceda khona nina.

funda isahluko epheleleyo Kwabasefilipi 2