Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabasefilipi 2:12-22 Ibhayibhile (XHO96)

12. Nani ke, zihlobo zam, njengoko nihlala nimthobela uThixo xa ndilapho, nangoku ke kubaluleke ngakumbi ukuba nimthobele nokuba ndikude. Lufezekiseni usindiso enilunikwe nguThixo, ninembeko nentlonipho.

13. Kuba kaloku nguThixo ngokwakhe oninika amandla okuzimisela nokusebenza, ukuze nithobele injongo yakhe.

14. Yonke into enimelwe kukuyenza yenzeni ngaphandle kokukhalaza nokuxambulisana,

15. niziphathe nyulu ningenagxeke, njengosapho lukaThixo olungabekwa bala phakathi kwabantu abakhohlakeleyo beli phakade.Khanyani phakathi kwabo njengeenkwenkwezi zikhanya esibhakabhakeni,

16. nibanika iindaba zobomi. Xa nenjenjalo ke, noba libhongo lam ngaloo Mini kaKrestu, kuba kaloku kobonakala ukuba andifumananga ndabulaleka elugqatsweni nasemsebenzini.

17. Kodwa nokuba kutheni ndingavuya, nokuba igazi lam lingade liphalazwe njengomnikelo ngenxa yokholo lwenu – kholo olo lulidini enilinikela kuThixo. Ndiyavuya, kunjalonje nani vuyani.

18. Kwakhona ndithi vuyani, nam nindonwabise.

19. INkosi ivuma, ndinethemba lokuba kwakamsinya ndoba nako ukumthuma kuni uTimoti, khon' ukuze ndihlaziyeke ziindaba ezivela kuni.

20. Kaloku uTimoti lo kuphela komntu ozimvo zinjengezam; yaye unomdla ngokwenene kuni.

21. Bonke abanye aba baxakeke zizinto zabo, bengayinanze nganto ekaKrestu imicimbi.

22. UTimoti yena nimazi kakuhle. Niyazi ukuba wayesoloko ejikeleza kunye nam ekuhambiseni iindaba ezimnandi, kanye oku konyana ethene nca noyise.

funda isahluko epheleleyo Kwabasefilipi 2