Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabasefilipi 2:1-7 Ibhayibhile (XHO96)

1. Njengoko kobu bomi bethu, simanywe noKrestu, kukho inkuthazo, kukho nokuvuseleleka kothando, nokudlelana koMoya, kukho nobubele novelwano,

2. ngoko ke ndaneliseni nindivuyise ngokuba nibe banye ngezimvo nangothando, nibanye ngengqondo, nizamela ukuba nibe yimbumba yamanyama.

3. Musani ukusunduzana. Izinto sanukuzenza ngokuzigwagwisa nangokuqhayisa. Ndaweni yaloo nto zithobeni, nibaphakamise kunani abanye abantu.

4. Izinto abanomdla kuzo abanye zixabiseni nazo, ningakhathaleli izinto eninomdla kuzo kuphela.

5. Njengoko nimanywe noYesu Krestu izimvo zenu mazifane nezakhe; kuba kaloku:

6. Nakuba ubume bakhe babunguThixo ngenkqu,ukulingana noThixo akakubawelangakangangokude afune ukusunduzana naye.

7. Ndaweni yaloo nto waziqongqotha ubuyena,wathatha isimo sesicaka,waba ngumntu ncakasana.Engumntu ebantwini,

funda isahluko epheleleyo Kwabasefilipi 2