Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabase-Efese 5:9-21 Ibhayibhile (XHO96)

9. Kaloku apho kukhoyo ukukhanya, kulapho kuntshula khona konke ukulunga, nabo bonke ubulungisa, nenyaniso.

10. Zamani ukukuqonda ukuthanda kweNkosi;

11. ningazibandakanyi nezinto zobumnyama eziphuthileyo ezenziwa ngabantu. Ndaweni yaloo nto zibhenceni ekukhanyeni ezo zinto, zibonakale icace into eziyiyo.

12. Kungaziintloni nokuwathetha amanyundululu abawenza ngasese.

13. Kodwa ke xa zisekukhanyeni zonke izinto, ziyacaca into eziyiyo;

14. kuba kaloku yonke into ecacileyo isekukhanyeni. Yiyo le nto kuthiwa:“Phaphama, thongorhandini, uvuke ekufeni;uKrestu wokukhanyisela.”

15. Ngoko ke yigqaleni indlela eniziphatha ngayo. Yibani ngabantu abanengqondo; musani ukuba ziziyatha.

16. Eli thuba ninalo lisebenziseni kakuhle, kuba akho amaxesha amabi.

17. Musani ukuba zizidenge ke; nina zamani ukuqonda ukuthanda kweNkosi.

18. Musani ukunxila butywala obunonakalisayo. Ndaweni yaloo nto phuphumani nguMoya oyiNgcwele,

19. nincokola ngeendumiso namaculo, neengoma, nivuma iingoma niyidumisa iNkosi ngentliziyo.

20. Bulelani uThixo uBawo wethu imihla ngemihla ngenxa yeento zonke, ngegama leNkosi yethu uYesu Krestu.

21. Thobelanani, niqhutywa kukuba noKrestu nimthobela.

funda isahluko epheleleyo Kwabase-Efese 5