Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabase-Efese 5:24-30 Ibhayibhile (XHO96)

24. Ngoko ke abafazi mabawathobele ngokupheleleyo amadoda abo, kanye ngale ndlela ibandla lizinikele ngayo ekuthobeleni uKrestu.

25. Nina madoda, bathandeni abafazi benu, kanye ngale ndlela alithande ngayo uKrestu ibandla, waza wanikela ngobomi bakhe ngenxa yalo.

26. Le nto uyenze ukuze libe libango lakhe ibandla. Ulicocile walihlamba ngamanzi ngamandla elizwi lakhe,

27. khon' ukuze azithathele lona liyinzwakazi, linyulu, lingenasici, lingenabala nakushwabana nasinye isiphako.

28. Ngoko ke amadoda afanele ukuba nebhongo lokubathanda abafazi bawo, kanye ngale ndlela azithanda ngayo iziqu zawo. Indoda emthandayo umfazi wayo iyazithanda.

29. (Akakho umntu ongazithandiyo, endaweni yaloo nto uyazondla azixhase, kanye njengokuba noKrestu elilungiselela ibandla.

30. Kaloku singamalungu omzimba wakhe.)

funda isahluko epheleleyo Kwabase-Efese 5